INGXELO YOMSITHO ka BAMBANANI MAGUBEVU eMVENYANE, MATATIELE ngomhla ka 8 & 9 AUGUST 2026
Umhlali ngaphambili uGubevu Njeza ugqithise umbulelo kuwo wonke amaGubevu athe aphumelela nalawo axhase ngemali.
Uye waphawula nange attendance wathi ibintle kakhulu.
Iindawo/Iingingqi ezithe zaphumelela ukuba khona:
liMonti/Mdantsane,
Mthatha,
Bhizana,
Flagstaff,
Matatiele.
uGubevu uNjeza uye waphawula nokuba uAndile uye wanikela ngenkomo ethe yaba sisidlo sama Gubevu.
Zithathu izithethi ebezilindelekike kuquka uGubevu uMasiza kodwa akaphumelelanga waze waxolisa. Izithethi ezimbini bezikho liGubevukazi uDabs nenkosi uVusilizwe Matomane.
Isithethi sokuqala u Dabs uchaze ngokubanzi umcimbi weziduko elanda kumnombo ka Gubevu, uMphephethe kunye no Maduna.
Emva kwakhe kuye kwangena inkosi uVusilizwe Matomane wachaza ngobuzwe bamaGubevu wachaphazela nobukhosi bawo nomhlaba wawo.
Liye labakhona ithuba lemibuzo yaza yaphenduleka kangangoko.
Imicimbi emibini ebifanele ukuba ithe yashukuxwa, iConstitution kunye ne Elections khange ifumane thuba laneleyo ngenxa yexesha.
Isigqibo esithatyathiweyo nge Constitution kukuba i Region nganye mayinyule umntu ngamnye ozakuba yinxalenye yabantu abathandathu (6) abaya kudibanela ukubhalwa kwe Constitution.
Kuye kwagqitywa kwakhona ukuba iiRegion mazityumbe abantu (2 per region) abazakungenela unyulo baze babe yi Executive ka Bambanani Magubevu. Inani elihlongozwayo le Executive ngu 15.
uGubevu Manentsa wase Daveyton uye wachaphazela umcimbi weWbsite ka Bambanani maGubevu.
I Website sele ikhona iyafikeleleka ku Internet nge address ethi: amagubevu.com kulapho ke imbali, imvelo kunye neenkqubo zamaGubevu ziya kusoloko zipapashwa khona.
Ukubaluleka kwe Website kukutsala umdla wolutsha lona lungasoloko lunathi nawo wonke amaGubevu ebengekho kumsitho waseMvenyane nalawo angekhoyo ku WhatsApp group ka Bambanani maGubevu.
uGubevu Manentsa uchazile ngokunjalo ukuba zonke iifamilies zamaGubevu zinalo ithuba lokubhala ibalana ngokufuphi ngemvelo yalo neekqubo zayo zibe necwecwe lazo kwi Website kuquka neefoto zemisitho yaloo family.
Kwakhona elowo nalowo oliGubevu elisebenzisa imbalelwano ye email angasebenzisa i domain ka amagubevu.com loo nto ithethe ukuba xa lisenza imbalelwano nge email liyaqapheleka msinya ukuba liGubevu.
Umcimbi wokwakhiwa kwale Website ixabiso layo yi R5 700.00 mali leyo eyi annual subscription kwabo bayi host ye Website ethi amagubevu.com.
Ukuba inani lamaGubevu athe akhetha ukusebenzisa u amagubevu.com njengenxalenye ye email address yawo liyafika ku 65 isubscription ye Website iyarhoxiswa ngoko nangoko.
Ukuba inani lamaGubevu asebenzisa idomain ka magubevu.com njengenxalenye yembhalelwano zawo liya dlula ku 65 nokuya phezulu inkampani lena esiqulungqele iWebsite iya kubhatala i R2.00 ngeGubevu ngalinye ithi loo nto siqalisa ukwakha ifund yamaGubevu eyakungena kwingxowa ka Bambanani maGubevu.
uGubevu Manentsa uchazile ukuba apha ezifamilini zamaGubevu lulutsha oluphangelayo, oluzi professionals nalo olo lingo somashishini eliya kufumanisa ukubaluleka kokuzi identifier ngobu Gubevu ukuze amaGubevu akhawuleze ukwazana nokuxhumana.
Kuye kwakho nesiphakamiso esithi i Region nganye mayiphathe igusha xa kukho iindibano zamaGubevu okanye iyithumele ukuze ibe sisphekiso kwisidlo samaGubevu.
IMonti/Mdantsane liye lafaka isicelo sokuba indibano elandelayo ka Bambanani maGubevu mayibanjelwe kubo.
AmaGubevu aye akhuthazwa ukuba neendibano zeegroups zootata nabo oomama bashukuxe imicimbi ebachaphazelayo ngokohluka hlukana kwayo inike ingxelo kwi Executive ka Bambanani Magubevu..
INGXELO IPHELA APHA.